IBayoloji

From Wikipedia
Jump to: navigation, search

'''I-Bayoloji''' yi''nzululwazi ngobomi bezinto eziphilayo nango-guqu-guquko lweempawu zofuzo oluthi lwenzeke ngokuhamba kwexesha kwisidalwa. Xa sithetha ngezinto eziphilayo ke sithetha ngezi zinto zilandelayo: izityalo, izilwanyana, iinkowane kunye nezinambuzane ezincinane kakhulu nezingenakubonwa ngamehlo ngaphandle kokuba ayancediswa ezifana ne''bacteria'' ezinje ngezi zijika ubisi lubengamasi kunye ne-''archaea'' ungathetha ngeyeast njengomnye umzekelo wezibacteria.

Abantu abayifunde nzulu ibiology kuthiwa zii''biologists''. IBiology iqwalasela indlela eziphila ngayo nekuqhutywa ngayo zizilwanyana nazo zonke ezinye izinto eziphilayo okanye eziphefumlayo apha emhlabeni. Ngamanye amazwi ibiology sisifundo ngobomi bemihla ngemihla obuphilwa siso sonke isidalwa esiphefumlayo apha emhlabeni. Ikwajonga iphonononge nembonakalo yazo. IBiology sisifundo esenziwa xa kuphandwa ngokubanzi ngendlela eziphathana neziphilisana ngayo ezi zinto xa zidibene nezinye, kwenzeka ntoni xa zikuloo environment zidibene kuyo ngexesha ezidibene ngalo. Yiminyaka engama-200 ibiology ifundwa njenge''science''. Phambi kokuba i''biology'' le ibe sisifundo ngokupheleleyo,kwaqalwa kwenziwa uphando olunzulu ngazo ezi zinto ziphilayo ziphaya endle nakuzo zonke iindawo eziphila zikuyo. I''Biology'' ifield iresearch eziqondene nayo ngqo. Ize kuphinde kuvele nama''sebe'' ophando ezingamahlumela kwalapha kwezi''fields''. Njengazo zonke ezinye izifundo iscience, ibiology isebenzisa indlela zokuphanda ezizizo. Oko kuthetha okokuba iibiologists mazibe zinako ukubonisa i-''evidence'' ngolwazi ezize nalo. kunjalo nje nezinye iibiologists zibenakho ukuyia loo i''dea'', zingqinelane okanye zingangqinelani kwaphela naloo idea yaloo biologistokanye ezo biologists. Lilonke i-idea yebiologist kufuneka iqale iphekwe kuqala ngabanye abaphandi abakuloo field ukuze ibe iyapasiswa, kuthiwe ngenene le idea yale biologist inyanisekile okanye ayinyanisekanga. Njengoko sele sitshilo, phambi kokuba i-''idea'' yomphandi ibe iyapasiswa, kufuneka yena ngokwakhe aqiniseke kuqala okokuba uphando alwenzayo ulwenza ngokwendlela ekuqhutywa ngayo i-science.

I''Biology'' izama ukuphendula imibuzo enje ngale: "Uyibona ngantoni le nto ukuba iyaphila? chaza iimpawu zayo." (esi ''study'' kuthiwa yi''comparative anatomy''); "Asebenza njani amalungu esiqu sayo?" (esi ke sona kuthiwa yi''physiology''); "Singazahlula njani izinto eziphilayo apha emhlabeni zibe ngamaqela-ngamaqela? Ngamanye amazwi, zimpawu zini ezinokukhokelela ekubeni sikwazi ukuzahlula ezi zinto ziphilayo ngokwamaqela azo kwezinye. Sitsho sikwazi ukwenza iclassification, okanye siyazi itaxonomy)yazo; "Iphila njani ukuze side sithi iyaphila le nto? Ngamanye amazwi, yintoni le yenziwa zezi zidalwa (izimbo zazo ezibonakalisa okokuba ziyaphila? Zenzeka njani u''kukhula kwazo'' "zisebenza njani ufuzo (ne''genetics'') ; "Ithini imbali yobomi?" okokutsho (i-palaeontology). Ithini i-''ecology?'' Ngamanye amazwi ziphila njani izinto eziphefumlayo kwi- ''environment'' ezikuyo? Yonke [[ibiology]] yale mihla siphila kuyo inikwe ifuthe yi-evolution nekuyiyo ephendula umbuzo othi: "Kwenzeke njani ukuba ihlabathi esiphila kulo libe linje ngokuba silibona namhlanje?"